Izihloko
IPhepha lesi-3 Ngexesha lohlolo le bhodi yexeshana yokwaba kwafunyaniswa ukuba ayikhuselekanga kuba yayingatshixwanga
IPhepha lesi-4 Ibulorho Injaka yawa kwaye yabangela ukusweleka kwabasebenzi abali-14
IPhepha lesi-6 Xa usebenza nge-asbestos iimpahla ezimiselweyo zokuzikhusela mazinxitywe.
IPhepha lesi-7 Khusela umzimba wakho ngokunxiba iimpahla ezimiselweyo zokuzikhusela maxa onke.
IPhepha lesi-8 Abadibanisi mabangaze basebenze ngaphandle kwesigcina-ntloko, iiglavu kunye neempahla ezikhuselayo.
IPhepha le-9 Kulumkele ukurhogela iikhemikhali ezinobungozi ngokunxiba isinxibo esifunekayo sokukhusela esogquma impumlo yakho kunye nomlomo.
IPhepha le-11 iBhodi yokusasaza efana nale iyingozi kwaye kufuneka ukuba yogqunywe ngokufanelekileyo maxa onke.
IPhepha le-12 Ukuba ngaba kufuneka ukuba usebenzise ileli, qiniseka ukuba izinzile kwaye isebenza kakuhle phambi kokuba uyisebenzise.
IPhepha le-13 Abaqhubi boomatshini abaphakamisa amaxhanti kufuneka ukuba bahlale bekhumbula ukunxiba iminqwazi yabo yokhuseleko, kwaye kufuneka baluqeqeshelwe ngqo olu hlobo loomatshini.
IPhepha 1e-14 Xa usehlelwa yingozi emsebenzini kufuneka ukuba ixelwe kwiSebe lezemiSebenzi ngoko nangoko.
IPhepha le-16 Abasebenzi abaninzi abakwazi ukuqhuba ngemisebenzi yabo emva kwengozi kwaye kufuneka kuqala baye kwindawo yokunyango umguli ngokumnika umsebenzi omfaneleyo okanye kwiziko lochacho.
IPhepha le-17 Ukukhusela kungcono kunokunyanga, ingakumbi emsebenzini wakho.
